Iincwadi zika – IsiXhosa Ngumdiliya luluhlu lweencwadi zolwimi IwesiXhosa esele kukudala zikho ezikolweni, kodwa ngoku zivela sele zibhalwe ngokutsha ngokomgaqo we-cAPS wokufundisa eziklasini, nopasiswe kutsha nje liSebe lezeMfundo yeti lizwe. Ezi ncwadi zisuka kumabanga asezantsi e-Foundation Phase, awe-Intermediate Phase, nawe-Senior Phase. Kuzo zonke ezi klasi zinyuka ezi ncwadi sele ziqulunqwe ngokwalo mgaqo mtsha. Ezi ncwadi ziqulunqwe zanencwadi yabafundi enemisetyenzana kwakunye nencwadi katitshala. Okuqulathwe ngaphakathi kwezi ncwadi kucwangciswe kakuhle ngohlobo oluhlangabezana nomfundi kwinkqubo yokufunda eklasini eqhuba ngokwamanqanaba. Zonke izifundo ziqulunqwe phantsi kwezi zakhono zilandelayo, Ukuphulaphula nokuthetha, Ukufunda nokubukela, Ukubhala nokunikezela, ngelixa imiba yegrama nolwimi ithe ngcembe ukuxovulwa ngelixa ziqhubeka ezi zakhono. Khumbula kaloku ukuba imiba yegrama nolwimi asisiso isifundo esima sithi geqe sodwa, koko siqhubeka sivela ngelixa ziqhubeka izifundo kwiklasi yakho. Ezi ncwadi zilungiselele abo bakwizinga eliphantsi kwizifundo zabo zokuqaphela imiba yolwimi, kanti nabo bakwihlelo eliphakathi ngokwezinga lokuqonda, nabaqonda nangakumbi kwizifundo zabo zolwimi ezilungele eli banga. Lilonke, ezi ncwadi zilungiselelwe ukuze zifikeleleke kuzo zonke iindidi zabafundi. Kungoko zicwangciswe ngohlobo lokuba yonke into icace gca ukuze kube lula kutitshala ukuyisebenzisa kwiklasi yakhe. lnkcazelo yemiba efuna ingcaciso engaphezulu iyafumaneka ilungisiwe yabekwa ngobunono phaya kwincwadi katitshala. Ezi ncwadi ziqulunqwe zalungiswa ngohlobo lokuba ziquke bonke abafundi abakwibanga le-12, zingabi namkhethe. lmisetyenzana ichazwe ngokulula, maxa wambi ikhatshwa yimizekelo, ukuze kube lula ukuyenza. Kukwakho novavanyo olwenziwa ekupheleni komxholo ngamnye ukuqinisekisa ukuba abafundi bakuqondile oko bebefunda ngako, nokuqinisekisa ukuba ikho inkqubela-phambili kwizifundo. Zonke iimpendulo zovavanyo ziyafumaneka kwincwadi katitshala ukuze imxhase kangangoko ngethuba eqhuba izifundo kwiklasi yakhe. Yonwabele ke mfundi nawe titshala, ukuze niphuhliseke nangakumbi kubuchule bokulandela ulwimi lwenu, isiXhosa.
IsiXhosa Ngumdiliya Ibanga 12 Incwadi Yomfundi
R210,00 Original price was: R210,00.R181,00Current price is: R181,00.
Pay in flexible instalments over 3, 4 or 6 months with Stitch Buy Now Pay Later.
Estimated delivery dates: Monday 9. March - Monday 16. March
SKU: 9781920605964
Category: Uncategorized
Tag: IsiXhosa Ngumdiliya Ibanga 12 Incwadi Yomfundi
Brand: Shuter and shooter
Be the first to review “IsiXhosa Ngumdiliya Ibanga 12 Incwadi Yomfundi” Cancel reply
Related products
-10%
-9%
-11%
-9%
-10%
-10%
-11%
-11%



Reviews
There are no reviews yet.